Mondadori Store

Trova Mondadori Store

Benvenuto
Accedi o registrati

lista preferiti

Per utilizzare la funzione prodotti desiderati devi accedere o registrarti

Vai al carrello
 prodotti nel carrello

Totale  articoli

0,00 € IVA Inclusa

Loo nto abantu abazoyiki izinto

Makhosandile Patrick Tisana
pubblicato da Makhosandile Patrick Tisana

Prezzo online:
0,00

Eli libali elingasekelezwanga nyanini, kodwa linobunyani. Zininzi izinto athe umbali wazivelela kwelibali. Livula ngengozi yemoto yoMfundisi uMaleyi entlithana nesithuthi esithwele abantu abasuka kwintlombe yamagqirha. Ingaba zizithuthi ngokwenene okanye ziinkolo ezi zingquzulanayo? Ingaba ikhona inkolo eyohlulweyo? Xa kungekho nkolo eyohlule enye, kodwa wena usithatha isibindi sokunyevulela enye inkolo? Zoyike izinto mntundini! Ukufana komntwana wakho nalowo umkhulisileyo, umnika nothando njengowakho, loo nto ayithethi ukuthi mawumfihlele ngabazali bakhe bokwenene, bephila bengaphili. uTitshala uMaleyi wazibona enkolonkoloza kwezimnyama izisele, ephulukene nako konke, indlu, usapho, umsebenzi, isidima, ngenxa yokutyholwa ngumalume uJack nonkosikazi wakhe, etyholwa ngokuhlukumeza amakhwenkwana ngokwezesondo. Esisibini saye safaka umoya omdaka ebantwaneni, phofu bezazi iziphumo zezenzo ezikumila kunje nezenza utata uMakhunga ukuba athi "Moyike uThixo". Intlalo yasezitalatweni ayikhethi, kwaye ingakhethwe bani, nokuba ungubani, uhlala phi, wenza msebenzi mni, unganguye ugobityholo; buza kuFrankie uTikie bakuKlonkie iziporho zaseLiesbeeck.
Kubantwana abangamantombazana esikolo nabaqhayisa ngokucikizeka nangempahla entle ayinxibayo, phofu beyithengelwa ngamadoda anemizi yawo naqhayisa ngemali nabizwa njengee "Blesser" kulemihla, konke okukuziphatha kuphuma nodlolwazana. Buza kuMandla nakuNoni. Xa kungangeleka ngathi awukho bukhali ezifundweni zakho, kwabangasa uyatshona kumabanga owafundayo, loo nto. Ayithethi kuthi uyakutshona nasebomini bakho. Ekunyamezeleni ukhona umvuzo, buza kusisiManto usomashishini omkhulu kwaLanga. uViwe intombi katitshala uMaleyi ingumlinganiswa oyintloko kwelibali. Ingxaki uzalwe imbiza seyaphulwe, kodwa nanko efuna ukubuyisela umva iwotshi, ekwafuna nokuqonda ngegoqo, ingubani okwabase nomlilo? Ingubani injoli? Sekusophulwa imbiza etshileyo nje injoli ibikwesikabani? Yonke lemibuzo kufuneka iphenduekile ukuze ubomi bukaViwe buqhubekele phambili. Kodwa naye into yokungayisele so, angazamkeli ukuba uthandana nabantu abasini sinye, iiLesbian ngabula makhumsha ayimncedanga nto.

Dettagli down

Generi Gialli Noir e Avventura » Gialli, mistery e noir , Romanzi e Letterature » Gialli, mistery e noir

Editore Makhosandile Patrick Tisana

Formato Ebook (senza DRM)

Pubblicato 05/09/2018

Lingua Xhosa

EAN-13 9781370237852

0 recensioni dei lettori  media voto 0  su  5

Scrivi una recensione per "Loo nto abantu abazoyiki izinto"

Loo nto abantu abazoyiki izinto
 

Accedi o Registrati  per aggiungere una recensione

usa questo box per dare una valutazione all'articolo: leggi le linee guida
torna su Torna in cima